



UGcina Mhlophe uyawathanda amagama. Ungumbhali, eyimbongi nombalisi weentsomi, obabalwe ngesipho sokuguqula ibali nje alitsho libe lelimnandi. Mvanje ubalisele
uPRIMROSE WILLIAMS ngomsebenzi nangobomi bakhe. Kufote uLIEZEL HANNEMAN


In the company of words it is truly  marvelous, wonderful and
comforting.. Esi sisicatshulwa sombongo kaGcina othi In the Company of Words. Imangalisa ngenene indlela awathanda ngayo amagama, ethethwa, ebhaliwe okanye eculwa.
UNokugcina Mhlophe oyinzalelwane yaseHammarsdale odume ngokuba nguGcina, waziwa ngokubalisa kamnandi iintsomi. Ilizwi lakhe elidokodoko liyitsho ibe ngathi yinto eyenzeka ngoko intsomi. Ubomi bukaGcina bufana nohambo olumangalisayo nolwaqala eHammersdale kufuphi neValley of Thousand Hills.
Mhlawumbi ukuba kufutshane kwezi Ntaba nendawo endazalelwa kuyo kunento yokwenza nokubonga nokubalisa kwam iintsomi, uqhule watsho.
Xa sesingaqhuli uGcina ifuthe lokuthanda iintsomi walifumana kuninakhulu ababemteketisa bathi nguMthwaluboshiwe, iminyaka yakhe
yokuqala elithoba ayichitha naye. Xa ndandiselula, ndandihlala
nomakhulu. Babesithi nguMthwaluboshiwe kuba wayengumntu onyawo lwambeth indlela - etyelela abahlobo nezalamane. Imithwalo yakhe yayihlala ilungele uhambo. Umakhulu naphi na apho wayesiya khona wayesithi kum, Ngilandele bhantshi lami, nam ndandikuthanda oko, ukhumbula atsho.
Kodwa eyona nto awayebalasele ngayo umakhulu, kukubalisa iintsomi. Ndandikuthanda ukuphulaphula iintsomi zakhe. Intandane yam kuzo
yayiyeyeNabulele. Xa wayebalisa intsomi wayekutsho ube nomfanekiso ngqondweni uyibone iNabulele itsho ngaloo mibalo yayo mihle ngathi ngumnyama. Yayiphala kakhulu ingqondo yam xa ndandisengumntwana, neentsomi zikamakhulu ke zindithatha zindibeka. Ndandisiya naphi na ngengqondo, lilonke sasingarhaqazi ngeenyawo nje kuphela, kodwa ndandifikelela kwiindawo ezingakholelekiyo ngengqondo - kwinzonzobila yolwandle, ngaphezu kwamafu nakwiincopho zemithi, ubalisa egigitheka. Ethubeni uGcina wayokuhlala kulo nina kwaBhaca. Kulapho ubomi bakhe bathsintsha





khona. Waphulaphula imbongi okokuqala ngqa. Ngaphambi koko wayenengxaki ngelizwi lakhe.
Ndandingalithandi kwaphela ilizwi lam. Ndandingqokola, ndilangazelela ilizwi elipholileyo lenenekazi.
Ngeli thuba uGcina wayefunda kwisinala iMfundisweni High (eMaqhingqo). Esathatheke kukubonga kwembongi wabhala umbongo wakhe wokuqala ene-17 leminyaka. Ndasukuma ndakhwaza ndibonga. Kwaba ngathi ikho into eyenzekayo kum - nguqu ithile - ndaqala ukulithanda ngaloo mini ilizwi lam, ukhumbula encumile.
Uthe akupasa imatriki, uGcina waya ejohannesburg apho wadibana nabanye ababhali neembongi.
Ngoku ndibhala imibongo, amabali amafutshane, ndibhala ngeelwimi ezintathu, isiNgesi, isiXhosa nesiZulu. Ukuza kuthi ga ngoku sendibhale incwadi ezintandathu okanye ezisixhenxe, ezinye zazo sezishicilelwe zaguqulelwa kwisijapani, isiDatshi nesijamani, eziye zathakazelelwa. Eyamvanje ethi Love Child, ithengiswe yaphela ejamani, bayishicilela okwesibini.
UGcina usebenza neZanendaba Storytellers, ungumphathi. Ababalisi beentsomi kwazanendaba bavela kwiintlanga ngeentlanga, kwiinkcubeko ezahlukeneyo bengabantu abaminyaka yahlukahlukeneyo.
Sabelana ngobugcisa bokubalisa iintsomi, ukuthanda iilwimi, ukuthanda amagama nokuthanda ukudlulisela kwabanye obu bugcisa bumangalisayo, ucacise watsho uGcina.
Unenkolo yokuba ukubalisa iintsomi kunokufundisa abantu bancokole, bakwazi ukucacisa, kukwabasondeza ndawonye.
Iintsomi zinokutsiba imida yenkcubeko, neyeepolitiki uze ofuna ukukuthetha ukutsho ungenaxhala. Njengabantu baseMzantsi Afrika kuya kufuneka sipholise amanxeba ngokubalisa amabali ayinyani, amabali emvelaphi yethu - ngocalucalulo nangaphambi kocalucalulo, xa amaNgesi ayephethe eli nangaphambi koko. Kufuneka sazane ngokubaliselana amabali.
Ukubalisa amabali bubulumko esibuzuze kookhokho. Ulwazi nezaci esizisebenzisayo sazifumana kookhokho.
UGcina uhlala nentwazana yakhe enonyaka uNomakhwezi Heike nomyeni wakhe uCarl Becker, umenzi wefilm nomzobi olijamani.
Okunene ebomini bam uNomakhwezi likhwezi lokusa. Ukususela mhla wazalwa ndiye ndafumana uthando olungummangaliso.
Phambi koko andizange ndicinge ngokubhala iingoma zokuthuthuzela usana, kodwa kuthe ndakuzala
uKhwezazana ndambhalela zalishumi, endinethemba lokuvelisa iCD yazo ethi African Lullabies.
Ngoku ndifuna ukushicilela ngamandla, ukuze kungatshabalali ukubaliswa kweentsomi kubekho iICD neekhasethi. Ubugcisa bale mihla kufuneka sibusebenzise ukuze sigcine amazwi ookhokho. Amabali awayebaliswa ngaseziko kufuneka aviwe naphi na. 



IBALI LOKUBALISA
IINTSOMI LAKWAJOKO LIJOLISE
EKULONDOLOZENI
OKWAMA-AFRIKA
Ukuba asizazi apho sivela
khona,sinokwazi njani apho siya khona?

Iinjongo zeJOKO kukulondoloza nokuphucula ukubaliswa
kweentsomi zeqela izanendaba ababalisi bamabali. Ngokwenjenje liqalisile iphulo lokubalisela abantu amabali. Sekuyiminyaka emithathu ngoku, abakwaJoko bexhasa imibhiyozo yokubaliswa kwamabali, kwanakwiinkqubo koonomathotholo kuquka iRakgolo Mangokoane kwisikhululo sosasazo lwesiPedi. IAfrika inenkcazelo entle ngamabali amandulo, de kube mvanje ibifudula ixhomekeke ekudluliseleni ulwazi nezithethe zayo ngomlomo. Ukutyhubela iminyaka isithethe sokubalisa iintsomi nezaci siye sakokosa ubuntu ezintliziyweni nasezingqondweni zabantu abamnyama. Ukubalisa iintsomi kuye kwalondoloza okwaa kuhlekisa kwama-Afrika. Kodwa kwiminyaka yamvanje ukuxabiseka kobomi, izinto neenkolelo zokhokho kuye kwasithwa bubundlobongela, ungquzulwano kwiipolitiki nobomi basezixekweni. Ukubalisa amabali kujoliswe ekubuyiseleni oku kuxabiseka kulutsha lwanamhlanje nasekubuyiseleni esi sithethe.
Nyakenye abakwaJoko baqalise iphulo loluntu lokubalisa iintsomi. Lusaqhubeka uphando lokufumana iintsomi zakudala nokuze loo mabali ahlale kwizizukulwana ngezizukulwana nokuze angaphelelwa ngenxa yamabali amatsha.


ISIPHELO ESINESIDIMA SOKHUPHISWANO
OLUBE YIMPUMELELO Umhleli weBona  uDaizer Mqhaba enabaphumeleleyo ababini, uBeauty Kekana noWhitey Jacobs.
116 BONA XHOSA - September 1997

Nkqu nemozulu ibintle xa bekunikezelwa amabhaso eBP/Bona/Soul City Health Care Worker of the Year obelusekapa ngolwesibini ngojuni 3. Abafikelele kumanqam abathandathu kolu khuphiswano ibinguPhilip Whitey Jacobs, uNothemba Dubula, uAgnes Qwabe, uBeauty Kekana, uMoses Mathonsi noGladys Moketshe bonke baphathwe kakuhle kwelo lasekapa. Abanye bebeqala ukukhwela inqwelo-moya, abanye beqala ukuthi cakatha eKapa. Bazibonele ngawabo amehlo ngentaba yetafile, unxweme, ulwandle nokutshisa kwelanga (bekuzolile) bekwenye zeehotele ezintle zaseKapa. Ngamnye kwabafikelele kumanqam uvakalise umbulelo osuka entliziyweni ngebhaso alifumeneyo leHealth Care Worker of the Year nelidlala indima ebalulekileyo ekuqondeni ukubaluleka konompilo eluntwini. Bavakalise ukuba ayingabo bodwa ekuye kwahlonitshwa ukusebenza nzima nokuzinikela kwabo, kuvakaliswe ukuba baliqhayiya kuluntu. Impumelelo yamaphulo abo isekelwe kuthabatho-nxaxheba nenkxaso yoluntu abangamalungu alo. Ixesha abalichithe kwindawo entle, kwanokonwaba okuxhanyulwe ngabafikelele kumanqam kudambise unxunguphalo lwenkqubo yokugweba ebinzima ekugqibeleni. Eli ligqiza ekuye kwadliwan 'indlebe nalo ngabagwebi: owaphumelela ngo-1996 uShadrack Molokoane, kwanabafikelele kumanqam uTheresa Shabalala, uMercia Arendse, uZolela Ngcwabe, uKoba van Wyk noAntoinette Ntuli wakwaSoul City.

ITHEKO LOKUNIKEZELWA KWAMABHASO
Kuthe lwakuphela udliwano-ndlebe
kwafika ixesha lokuvakalisa abaphumelele kwiBp/Bona/Soul City Health Care Worker of the Year uNkszn Beauty Kekana nophilip Whitey Jacobs. Abagwebi bachithe ixesha elide bexoxa ngophumeleleyo waza umgwebi uNkszn Antoinette Ntuli wathetha ngokuba bonke abafikelele kumanqam baphumelele, kuba onke amaphulo abo alifanele eli bhaso. Isigqibo sabagwebi sithakazelwe ngababekho kwanabafikelele kumanqam.


Abafikelele kumanqam, abagwebi
nabaphumeleleyo bemi kude kufuphi
nehotele: Mercia Arendse; uGladys Moketshe, uZolela Ngcwabe, uMoses Mathonsi, uBeauty Kekana, uAntoinette Ntuli wakwaSoul City, uWhitey Jacobs, uNothemba Dubula, uAgnes Qwabe, uPam Tshwete, uKoba van Wyk, uShadrack Molokoane, uTheresa Tshabalala.






lzithethi zeMbeko uEbrahim Rasool waseNtshona Kapa uMphathiswa wezeMpilo Nezentlalo, ubancome bonke abafikelele kumanqam abathandathu, abasebenzisene noluntu ukuphucula intlalo nempilo yakhe ngamnye. Abaxhasi, iBona eye yamelwa nguMhleli oMkhulu uMnu Daizer Mqhaba kwaneBP ebimelwe nguMphathiswa weMicimbi yoLuntu yeSizwe uNkszn Mary-Jane Morifi, bathethe benovelwano ngemizamo yoonompilo abafikelele kumanqam. Ebebekho nabo ngokufanayo baye banovelwano bakubukela kwividiyo okwenziwa mihla le ngabathandathu abafikelele kumanqam.

AMABHASO
Ukwabelana ngale ntshinga
kukaBeauty noWhitey kukwathethe nokwabelana ngamabhaso: Ngamnye kubo uzuze i-R12 500 eya kwiphulo labo, i-R6 000 ekulibhaso lakhe ngamnye. Bakwafumene nesatifikethi esisikhumbuzo, iskipa sakwaSoul City nebheji, kwanonomathotholo omhle odlala iCD. Ezi zikwanikwe bonke abathandathu abafikelele kumanqam. Kuthe nje emva kokuboniswa
kwephulo likaWhitey kumabonakude
njengoko edume ngako kubahlobo nakuluntu wadibana nabantu baseWallace Dean abanephulo elifana nelakhe.
Ndichukunyiswe leli phulo elingafumani nkxaso mali kodwa lixhomekeke kukuzinikela kwamanenekazi amane kuluntu.
Ndisebenze eBrowns Farm iminyaka
elishumi, ndiyayikhumbula indlela ekunzima ngayo ukuseka nokuqhuba eli phulo.
Enikw ifuthe yinkxaso yoluntu imali elibhaso lakhe uWhitey uyinikele kwiWallace Dean Project, mali leyo eliza kuyisebenzisa ekuqeqesheni oonompilo nasekuthengeni izixhobo zempilo njengethermometers nezikali. Iinkonzo zokunonophela impilo iiyure ezingama-24 ezisekwe nguBeauty kuluntu lwaseMoloto ziza kuzuza kwibhaso lakhe le phulo. Kukho amacebo okwandisa le kliniki. Sele ndithethe nabantu malunga nendlela yokuphucula le kliniki. imali elibhaso endiyifumeneyo sele isetyenziswa  ekuqeqesheni abanye oonompilo abane, iimpahla zephulo lokuthunga, kwanebhonasi yoonompilo kule kliniki. UBeauty ukwamhlawulele ummelwane wakhe iimali zesikolo, uPhilemon Rafekwe oselula, ukwamthengele iyunifom yena nabanakwabo noodadewabo.
Uyazi, uphilemon Rafekwe nguye otyumbe uBeauty ukuba abe yiBP/Bona/Soul City Health Care Worker of the Year, uza kufumana i-R500. Ngokufanayo uJane Stuurman Moleketi okhethe uWhitey naye uza kufumana i-R500. Babelana ngebhaso eliyi-R1000 elinikwa umntu otyumbe ophumeleleyo. Nabani na uyaphumelela kwiSoul City!



l f 4 BONA XHOSA - September 1 997

		BONA XHOSA - September 1997 1 15

		BONA XHOSA - September 1997 117

